UEskom ubhengeze ukuba uza kuphumeza ukucinywa kombane.
Image: Bhekikhaya Mabaso/Independent Newspapers
Abantu boMzantsi Afrika baza kuba sebumnyameni kwakhona emva kokuba uEskom ebhengeze ukuba inqanaba lesithathu lokucinywa kombane liza kuphunyezwa ukusukela ngentsimbi yesibini emva kwemini namhlanje, ngoLwesihlanu, ukuya kwintsimbi yesihlanu kusasa ngoMvulo.
"Esi sigqibo siza emva kokulahlekelwa yi2700MW kwiiyure ezilishumi elinesine ezidlulileyo. Oku kuquka iyunithi yesibini yaseKoeberg ebingasebenzi emva kokuba ibuyiswe ngoLwesithathu, kunye neeyunithi ezimbini zaseKusile amalahle azo angasebenziyo kwewona mgangatho ulungileyo kulandela imozulu embi kulo mmandla,” utshilo uEskom kwingxelo.
UEskom uthi ugxile ekufakeni izixhobo zobunjineli ezongezelelweyo ukukhawulezisa ukulungiswa kweeyunithi ezingasebenziyo ngoku. Kulindeleke ukuba i6200MW ibuyiselwe ngoMvulo.
Umphathi wakwaEskom, uDan Marokane, uthi ukucinywa kombane sisikhumbuzo esibuhlungu sexesha elidlulileyo. "Siyaxolisa kwakhona kubantu beli ngale ngxaki yethutyana. Kufuneka sigcine ingqwalasela yethu kulondolozo olumandla olufana nolo olususela kumhla wokuqala kuTshazimpuzi 2024 ukuya kowama27 kweyoMdumba 2025 apho ukucinywa kombane kuye kwanqunyanyiswa kangangeentsuku ezingama325 xa kuthelekiswa neentsuku ezingama32 ngo2023/24."
Related Topics: