East London 20-04-2015 Umqeqeshi weqela le Maritzburg uSteve Khompela .Umfanekiso Uthunyelwe East London 20-04-2015 Umqeqeshi weqela le Maritzburg uSteve Khompela .Umfanekiso Uthunyelwe
Pedro Mapelo
Iqela lase Mgungundlovu, iMaritzburg United, libethe iBloemfontein Celtic ngegowuli elinye kwinto eqandeni kumdlalo we-Absa Premier Soccer League obubanjelwe eKaizer Sebothelo Stadium emalanga ngeCawa edlulileyo.
Igowuli elinye kulo mdlalo lifakwe ngumdlali-siswini, uKurt Lenties, onobuchule obungumangaliso bokudlala ibhola, ngomzuzu wesithoba emveni kwebhola kagxa wakhe uDeolin Mekoa ebethe epalini.
Le mpumelelo incede kakhulu eli qela lase KZN, ukuba liyothi ngcu kwindawo entle. Yona iBloemfontein Celtic, ebingombe iMamelodi Sundowns ngemvula yamagowuli amahlanu phakathi kwiveki ephelielyo, ihleli kwindawo yesihlanu nangona ibethiwe.
Kulo mdlalo ibinawo kakhulu amathuba okuphumelela ngoba bakwazile ukudala amathuba, ngelishwa abangakwenzanga kukuwasebenzisa. Nesigaba sesibini khange sibenanto ingako ethe yanceda iCeltics.
Ethetha emva komdlalo umqeqeshi we-Maritzburg United, uSteve Komphela, uthe “Andiqondi ukuba sivelise umdlalo okumgangatho ophezulu - kodwa ke sisebenzile futhi zisifumene iziphumo ezincumisayo. Ezi ziphumo zihle zizakusinika amandla okumelana nale midlalo izayo. Nabani na ngoku uyakuxelela ukuba amanqaku ngawona abalulekileyo ngaphezulu kwayo neyiphi into. Enye into ndonwabile yindlela abadlali bam basemva abadlale ngayo. Le ndedeba yakwa Komphela uvalelise ngelithi balelinye lamaqela adlala kakuhle ngasemva kodwa wavuma ukuba abahlaseli ngokwaneleyo.
Kanti yena umqeqeshi we-Bloemfotein Celtic, uClinton Larsen, uthe “Asidlalana ngendlela ebesifuna ngayo kulo mdlalo ngakumbi kwisiqingatha sokuqala. Bafumene ithuba elinye jwi, elibanike amanqaku amathathu. Besinawo amathuba - kodwa ibingengo mathuba acacileyo. Ndiyayincoma kakhulu iMaritzburg United ngokukhusela iimpondo zayo kakuhle, siwulawule lo mdlalo phantse wonke kodwa kuyacaca ukuba ibingeyo mini yethu.”